Ungenelele uMabuyane kwimbondandimunce yakwaBhaca

1 Min Read
UMabuyane etyikitya uxwebhu lwezikhalazo lwabantu abadala bakwaBhaca.

Sele kungenelele iNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane, kwingxubakaxaka yokungabikho kombane namanzi kwidolophu yakwaBhaca nekusele kuqengqeleke iintsuku abahlali behleli phantsi kwale meko.

Kutsha nje sibone abantu abadala (senior citizens) bedondolozela bevala indlela uN2, befuna uvelwano nongenelelo kule meko. Bayibeka elubala intlungu yabo bekwagxininisa intlungu yokuphila ngaphandle kwamanzi ixesha elide. Bekwakhala esimantshiyane ngezinto zabo zokupheka ezimoshakalayo ngenxa yokungabikho kombane.

Kulapho sabona abadala besithi ‘dolo phezulu’ beziphathele nezihlalo, bathi bakuva ukukrala kwamadolo bahlale ezitulweni zabo ebebeziphathele zona. Kulo mbhodamo kwafika usomolomo kumasipala wesithili iAlfred Nzo uMnu Sixolile Mehlomakhulu ephelekwa ligqiza likaEskom bathembisa ngokulungisa lo mba wavulwa kwakhona uN2.

Kodwa abadala abaphelelanga apho baphinda kwakhona baphathelela kwindibano yephondo yolutsha ibikwidolophu yasemaXesibeni, nekulapho inkulumbuso yayizakwenza intetho ephambili khona. Bafika bamnika uxwebhu labo ebeluqulethe izikhalazo zabo. Kulapho ke uMabuyane ezibophelele khona esithi uzakuwuhlalela lomba ekunye nomphathiswa woomasipala uZolile Willimas.  

Esamkela ekwatyikitya olu xwebhu uMabuyane uthe amanzi bubomi ayikho into yokuba abantu bangahlala iintsuku ngaphandle kwamanzi ingakumbi abo sebekhulile.  Umemelele kusodolophu wesithili ukuba beze nesisombululo ngokukhawuleza kuba apha kurhulumente akufikwa koko kuyaqhutywa watsho esithi kufuneka usodolophu aphinde agqubanise iintloko noEskom kusonjululwe lo mba.

Share This Article